17.3 C
King William's Town
Thursday, May 9, 2024

Liphinde lamiswa kwakho ityala laseNyobeni eSenary Park

Abaphathi bendawo yentselo yaseNyobeni uSiyakhangela Ndevu kunye nkosikazi yakhe uVuyokazi Ndevu bathi abanatyala kwizityholo abajongene nazo ezimbini zokuthengelisela utywala abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala kunye nokwaphula umthetho woshishini lotywala.

Limiselwe umhla we25 kweyoTshazimpuzi 2023 ityala lika Siyakhangela Ndevu kunye noVuyokazi Ndevu abangaba phathi bendawo yentselo eNyobeni emva kokuphika amatyala abajongene nawo okwaphula umthetho wotywala kunye nokuthengisela abantwana abangaphantsi kweminyaka utywala. ULuxolo Tyali nongu mane nala wonxibelelwano wegosa lesizwe lezotshutshiso uthethe ngelithi unobangela wokuba elityala limiswe kukuba oko kuzalincedisa ekuphandeni ngakumbi ibingqina kwizityholo ezingqonge elityala.

Ukwathe unobangela wokuba kuvele amanani abantwana abalithobo kumantyi kukuba beveza ukungqina wokuba kwathengiselwa abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinisibhozo (18) . Wongeze ngelithi lona ityala lokusweleka kwabantwana lusaphandwa kwaye uphando luzakuthatha ixesha, ucela ukuba balinde na njengoko uphando luthatha ixesha.

UNtombizonke Mgangala ongumzali welinye lamaxhoba asweleka eNyobeni uthe yena akothukanga ukobona uSiyakhangela noVuyokazi beziphika ezizityholo besithi abanatyala kuba balibeka lacaca ukuba abozocela xolo ngesihlo esenzeka wendawo yabo yentselo, ukwathe ayibonwabisi into yokumiswa kwetyala oko kuba njengabazali bafuna ubulingiswa ngento eyehlela abantwana babo kwaye lonto isekude ukwenzeka xa elityala limane limiswa.

 

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.3 ° C
17.3 °
17.3 °
94 %
2.8kmh
87 %
Thu
27 °
Fri
33 °
Sat
19 °
Sun
20 °
Mon
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks