Isihelegu Seshwangusha Lembali:  Xa Ubaxo Olunobuxoki Lushenxisa Inyaniso

Isihelegu Seshwangusha Lembali: Xa Ubaxo Olunobuxoki Lushenxisa Inyaniso

Kukho imbono ethandwayo eyake yathethwa ngu Winston Churchill esithi,

“Imbali iyakuba nenceba kum kuba ndizimisele ukuyibhala ngokwam.”

Kodwa ke kwakubonakala ngathi okonakona kwathethwa ngu Winston Churchill, ethetha kwindlu yePalamente yamaNgesi ebizwa Indlu Yoluntu LwaMangesi ngomhla wama 23 kweyoMqungu 1948, koku,

“Kweyam indima, ndicinga ukuba kwakufumaniseka kungcono kubo bonke ukuba sikuyeke okwadlulayo sikuyekela kwimbali, ingakumbi xa ndiceba kwaye ndindulula ukuba ndiyibhale ngokwam loombali.”

Nokuba ngawaphina kanye kanye amagama aasetyenziswa ngu Churchill, oko wakuthethayo kwatsala ukubaluleka komxholo wokuba oko uluntu luthi lukwazi ngokwadlulayo, xa luxhomekeke kwimbali ebhaliweyo, kuphenjelelwa kukuba umbhali-mbali lowo okanye ababhali-mbali abo bakweliphina icala kwezo Politiko okanye kwezenzululwazi ngengcinga.

Njengoko wawungenakunqandeka umlo omkhulu onje ngeMfazwe Yesibini Yehlabathi, kwakulindelekile kwaye kumele ukuba loomfazwe yayizakuvelisa okuninzi kakhulu kwiimbali ebhaliweyo. Ngokwesithembiso awasenzayo uChurchill wayibhala ngokwenene imbali yeMfazwe Yesibini Yehlabathi. Wavelisa isithandathu seencwadi zembali ngalo mfazwe. Ngokwenene wagxekwa kakhulu ngokwenza njalo etyholwa ngokujija ajike okunye ngembali leyo yalomfazwe ngenjongo zokufuna ukubonakala engcono kakhulu.

Nakwilizwe lakowethu ngokunjalo, kwakungenakunqandeka ukuba inqubo yonke yezopolitiko eyathi yakhokelela kuloyiso lolawulo lwengcuntswana lombuso wabamhlophe, nokwathi kwalandela emva koko, okukokuba izinganeko zeloxesha zaba nababhali-mbali bazo, umbhali-mbali ngamnye wayenecala lakhe alikhethayo lezopolitiko okanya lezenzululwazi ngengcinga.

Ngenxa yezizathu ezahlukeneyo uninzi lwethu thina babebandakanyeka nqo kwaye sisembindini womzabalazo wenkululeko asizange siziphe ixesha lokuba sihlale phantsi sibhale ngalomzabalazo, owathi walandelwa lulwakhiwo lolawulo lwentando yesininzi olungenabuhlanga kwanoMzantsi Afrika ongacaluliyo ngokwesini.

Isiphumo esinye soku kukuba abantu ababengabakhi-mkhanyo kuwo womabini lamaxesha otshintsho ngabo ababhale lukhulu ngokupapashiweyo nokushicilelweyo ngokwenzekayo. Inxaleny’ enkulu kokubhalwe ngabababhali-mbali kwathi kwamkelwa njengokukhutshwe ngegunya eligqibeleleyo neliqinisekileyo, kungekho mbonakaliswano yokuba abababhali banengqondo zabo ezikhetha amacala athile kwezopolitiko okanye kwezenzululwazi ngengcinga.

Inxalenye yokubhaliweyo kube neenjongo zokundichaza ukuba ndingumntu onjani njengoMongameli weANC noMzantsi Afrika uphela.

Kuqhubekile okubhaliweyo kuxoxa kusithi ukundichaza ukuba ndingumntu onjani kuyanceda ekucaciseni ngokukhula kweentshukumo-ngentshukumo ezathi zakhula ngeloxesha.

Phakathi kokunye abakubhalayo ababakhi-mkhanyo baathi uMbeki ungumntu osoloko ezibeka kude lee nabanye abantu ethanda ukuqelela eluntwini, uyingqondi engakwaziyo okuqhubekayo kubalandeli be ANC naseluntwini ngokubanzi, unguzwilakhe, akakwazi ukunyamezela izimvo ezahlukileyo kwezakhe, akakuthandi kwaye akamelani nokugxekwa, ungumntu osoloko erhanela ngalo lonke ixesha ukuba abanye bafuna ukumenzakalisa, usebenzisa bugwenxa amandl’ ombuso ukukhuthaza ukwenzeka kweminqweno yakhe yezopolitiko, wenza iANC ikheswa ngokuxuth’ ixanduva lwayo lwamandl’ okulawula njengombutho olawulayo wayowabeka phakathi embindini phantsi kolawulo oluyintloko lobumongameli, izityholo zininzi njalo-njalo.

Okuninzi koku, kubhalwe ngaphandle kwenkcukacha eziyinyaniso ukungqina izityholo, okanye ngamanye amaxesha, bubuvuvu nje bangamabom bokukhohlisa ngenkcukacha ezingenasihlahla.

Kumaxesha amaninzi oku kubaneziphumo ezikukujikwa okugwenxa kakhulu kwembali yethu, ngako oko kubangela ukusilela ukuhlalutya ngokuchanekileyo oko kwenzekayo, noko kwaphuhlayo nokubaluleke kakhulu kwikamva lelizwe lethu.

Aba kuthi babenolwazi nqo, kwaye besenalo nangoku, ngeenqubo ezenzekayo ezathi zachazwa ngemposiso nangobugwenxa ngabakhi-mkhanyo besithi bachaza inyani, mabamkele ukuba oku kungenxa yabo, kuba bathi bathula bathi tu ixesha elide endaweni yokuthetha bakhalimele imposiso.

Lembalelwano yeyokuqala kodwa ingazukuba yiyoyodwa elinyathelo lokulungisa lempazamo. Izakuthi ke ijongane nqo nomba owasetyenziswayo ukunika isihlahla kwizityholo zokuba uMbeki ungumntu osoloko erhanela ngalo lonke ixesha ukuba abanye bafuna ukumenzakalisa.

Ebutsheni beminyanka yokuqala emihlanu yokuba ndinguMongameli welizwe loMzantsi Africa, indoda ethile engu James Nkambule, eyayiyinkokheli yolutsha lwe ANC eMpumalanga yaya kwabakwantsasana isithi ifuna ukubanika inkcukacha ezithe vetshe ngeyelenqe lokonzakalisa kanobom uMongameli welizwe loMzantsi Africa.

Umongo webali lika Nkambule elalichazwa licaciswa ngeenkcukacha ezininzi ngowokuba abantu ababebandakanyeka kweliyelenqe yayi ngo Matthews Phosa, uTokyo Sexwale no Cyril Ramaphosa.

Icandelo labakwa Ntsasana lophando ngolwaphulomthetho lwabanodliwanondlebe olude no Nkambule. Oludliwanondlebe lwashicilelwa kanobom kuqukwa iziganeko ezininzi kushicilelo oluninzi lokuzidlalela kumabonakude wakho.

Ekuhambeni kwexesha iSABC yabanolwazi ngelibali. Ngokwethu ukuqonda iSABC yalungiselela ukuvelisa inqubo yayo ebalisayo kamabonakude eyayizakubonisa eliyelenqe kwakubangwa ukuba likhona.
Kwiinqubo zabo zeendaba iSABC yathi yachaza ngeliyelenqe kwakubangwa ukuba likhona.

Njengenxalenye yenqubo yabo yeendaba iSABC yamema ongasekhoyo nowayengumphathiswa wezokhuseleko uSteve Tshwete ukuba aze kumagumbi wabo okushicilela iindaba ukuze badlane naye indlebe ngalentsinda badala yebali.

Kwangalo eloxesha eliqumrhu lokusasaza laliseliwazi amagama abantu ekubangwa ukuba bayabandakanyeka kweliyelenqe. Labuza umphathiswa uTshwete ukuba makaqinisekise inkcukacha ababenazo.

Umphathiswa wenza impazamo enkulu nenobuzaza ngokuthi aqinisekise ngalamagama esisithathu kusasazo nqo lwasemoyeni lwasebusuku.

Kwathi nje ukuba udliwanondlebe luphele uMphathiswa wanditsalela umnxeba endichazela okwenzekileyo kwaye wangxengxeza ecela uxolo ngokugqithisileyo ngempazamo yakhe.

Ngokuqinisekileyo njengoko bekulindelekile ndamgxolisa ndimkhalimela, ndaza ndamcela ukuba azokundibona.

Ukudibana kwethu savumelana ukuba nangona kunjalo ngokwenzekileyo abakwaNtsasana kwakunye neeArhente zobuntlola zoluntu iNIA ne SASS kwakufuneka zenze umsebenzi wokuphanda ubunyani bezityholo zika Nkambule.

OkaTshwete wabonisa ecebisa ukuba ukuze ndibuqonde ubuzaza bebali lika Nkambule kufuneka ndibonane naye kwaye ndimmamele. Ndaya ndavuma.

UNkambule waye waziswa kum ngabantu ababelikholelwa ibali lakhe awalibalisela abakwaNtsasana. Aba bantu basengamalungu egqiza langoku elilawulayo le ANC elibizwa iKomiti Yabalawuli Kazwelonke.

Kodwa ke, emva kokuba ndimmamele, ndaye ndaqiniseka ukuba iinkonzo Zobuntlola Zombuso maziqhubekeke ekwenzeni umsebenzi wazo wokufikelela kwigqiniseko yokuba ingaba ziyinyani okanye zibubuxoki ezizityholo zakhe.
Kulenyewe ndacela uMphathiswa uTshwete ukuba andifumanele izikhutshelo zoshicilelo lukamabonakude olwenziwa ngabakwaNtsasana beshicilela uNkambule. Waye wenza njalo.

Ngenxa yobuzaza bezityholo ezenziwa ngu Nkambule, ndaye ndacela owayengusekela Mongameli woMzantso Afrika uJacob Zuma, nowayengunobhala jikelele we ANC uKgalema Motlanthe, nowayenguMphathiswa wezobuntloli uLindiwe Sisulu, kwakunye nomnye okanye ababini ababekhona ngeloxesha, ukuba baze ePitoli kwindlu yaseburhulumenteni ahlala kuyo uMongameli iMahlambandlopfu, ukuze sizokwazi xa sisonke ukubukela lonke ushicilelo lukamabonakude ngalenyewe sihleli kunye.

Emva kokubukela sathatha isigqibo ngamxhel’ omnye sokuba kufuneka ndithwalise uMphathiswa Sisulu uxanduva lomsebenzi wokuba iiArhente zobuntlola iNIA ne SASS ezaziphantsi kwakhe mazenze uphando oluzakuphanda ubunyani bezimangalo zika Nkambule ngokufanayo nophando olwenziwa licandelo labakwa Ntsasana lophando ngolwaphulomthetho.
Ndaya ke ndanikezela ngalo lonke ushicilelo lukamabonakude esasilubukele kuMphathiswa uSisulu.

Ngoku kwaziwa nanguthatha ukuba emva kokuba iiArhente Zobuntlola ziwenzile umsebenzi wazo, ongasekhoyo uMphathiswa uTshwete wenza isibhengezo sokuba iiArhente zafumanisa ukuba kwakungekho nyani kwaphela kokwakuthethwe ngu Nkambule.

Ukuqukumbela uMphathiswa waya wacela uxolo esidlangalaleni ngokuthi akhankanye amagama ka Phosa, uSexwale no Ramaphosa ngendlela ephosisileyo nengeyiyo kusasazondaba lwequmrhu lokusasaza iSABC.

Ngako oko, inene kukuba akukho nabanina kubuMongameli, kurhulumente welizwelonke kwakunye nobunkokheli obukhulu be ANC owaqala nalinye inyathelo lokuchaphazela uPhosa, uSexwale no Ramaphosa nakweliphina iyelenqe.

Emva kokuba izityholo zika Nkambule zathiwa thaca kwaye zabukelwa bubo bonke obubunkokheli bukhankanyiweyo, izigqibo ezifanelekileyo zathi zathathwa ukujonga nzulu oko kwakuzizimangalo ezinobuzaza ngokhuseleko lombuso.

Obubunkokheli bukhankanyiweyo obuquka uMongameli azange nangaliphina ixesha buthathe icala elithi kwakukho inyani kwizityholo ezo. Okwenziwayo bobubunkokheli kukutyhalela phambili ekubeni kuphuhliswe kwaye kudandalaziswe ubunyani ngendlela zophando nobuntlola.

Umphathiswa ongasekhoyo uTshwete wayiqonda engayixelelwanga nguMongameli into yokuba kwakungamelanga ukuba uzingqinile esidlangalaleni okanye bucala iinkcukacha eyayinazo iSABC ngo Nkambule kwane zityholo zakhe awazenzayo ngo Phosa, uSexwale no Ramaphosa. Kungako wathi wacela uxolo kuMongameli ngoko nangoko emva kokuphela kodliwanondlebe ne SABC.

Lentsinda badala yebali lika Nkambule elathi lachaphazela ngokungeyonyaniso uPhosa, uSexwale no Ramaphosa azange ibe nanto yokwenza nezityholo ngam zokuba ndingumntu osoloko erhanela ngalo lonke ixesha ukuba abanye bafuna ukundenzakalisa. Zityholo ezo ezaqhubekekayo zisasazwa rhoqo ngamaziko eendaba alapha ekhaya nawaphesheya kolwandle nakwihlabathi liphela phantse iminyaka elishumi elinesihlanu ukuzokutsho ngoku. Olusasazo-ndaba ngam lusekelezelwe kubuxoki nakwinjongo ezingamarhe okuzanelisa kwabo basasazayo.

Ukupheph’ umothuko nokumangaliswa kuko konke oku, mhlawumbi bekufanele ukuba siwuthathele ingqalelo umyalezo owawugqithiswa nguMbhali-mbali uWinston Churchill.

Ibhalwe ngu Thabo Mbeki ngomhla we 11 kweyoMqungu 2016.  Yaza yaguqulelwa kulwimi lwesiXhosa ngu Bandile Ndzishe ngomhla we 18 kweyoMdumba 2016.

Bandile Ndzishe owns & manages a Marketing Strategy Consultancy at Bandzishe Group - www.bandzishe.com

  1. Click here to follow Bandzishe Group for Global Marketing Updates.
  2. Click here to join Africa Marketing & Advertising Networking Group for Africa Marketing Updates.

To view or add a comment, sign in

Explore topics